Imibono Nezimo Zexabiso

Sikhona emhlabeni ngesizathu sokuba siqononondise abantu bazo zonke iintlanga ukuba babe ngabalandeli bakaKristu abazinikele ngovuyo

 

  1. Inkonzo eshumayela ivangeli ephila ngothando nangobulungisa ethatha inxaxheba kwimisebenzi yehlabathi yokufikelela kwabangasindiswanga kubemi na nguvangela esidlangalaleni nakumntu ngamnye.
  2. Inkonzo apho imfundiso nentshumayelo ngeBhayibhile idlala indima ebaluleke kakhulu apho izibhalo ezingcwele zinamandla zigqibelele.
  3. Inkonzo ebantu baqinisekisiweyo ngobablo lukaThixo ezimpilweni zabo naba cacelweyo ngokugqibelela ngomvuzo womnqophiso omtsha wokuba kuKrestu.
  4. Inkonzo ebantu babhaptizwe ngamanzi nangoMoya oyiNgcwele nabaziswe kubomi benene ngokoMoya oyiNgcwele.
  5. Inkonzo apho ubukho bukaThixo buxatyisiweyo apho amadoda nabafazi badumisa uThixo ngokungafihlisi bekuMoya oyingcwele, besebenzisa izipho zoMoya oyingcwele bethatha inxaxheba kwibandla.
  6. Inkonzo ebemi banothando, behlangana esidlangalaleni nakwimizi ngemizi, besabelana kwaye bekhathalelana ngokwezidingo zoMoya.
  7. Inkonzo ebomi bosapho lwezibhalo ezingcwele bunexabiso eliphezulu, apha abayeni namakhosikazi bebanye, amadoda azizicaka ezikhokelayo abafazi bezinikele ngovuyo, apho abazali bafundiswa ngokuqeqesha, apho ixabiso lobunye liqiniswayo.
  8. Inkonzo ekhokelwa ngabadala abangamadoda, lowo kuphela ucacileleyo ukuba unezipho zokukhokela, abo bonyulwe kuphela nguMoya oyiNgcwele baqatshelwa benziwa amalungu abathunywa benkosi. La madoda ayancedwa ukuzalisekisa ubizo lawo ngokuqhubeka ngobudlelwane kwibandla jikelele, namanye amabandla.
  9. Inkonzo apha abadala bahlonitshwayo njengabathunywa–nkokheli, bekhathalele umhlambi bezisa uqeqesho olululo loMoya, apho lufuneka khona.
  10. Inkonzo ekhululekileyo ekuzicingeleni, enjongo ikukukhula kwivangeli, kukholo, ekuthandazeni, ekunekeleni, kwizenzo nakumandla.
  11. Inkonzo apho abadala bahlonitshwa ngengenkokheli-“bakhonzi” abakhathalela umhlambi benika uqeqesho lomoya apho lufuneka khona.
  12. Inkonzo ezinikele ngokupheleleyo ekwabelaneni ngomsebenzi wabapostile. Ukwandisa ubukumkani bukaThixo jikelele ngokobomi benkolo beTestamente entsha ukwenza abafundi, uqeqesho lwenkokheli, ukutyala iinkonzo ngenxa zonke, kunye nokunikela ngentliziyo ezikhululekileyo nezipheleleyo ngezimali, ukwamkela nokulungiselela iindibano ezikhuthaza iindaba zosindiso luluntu ngokubanzi.
  13. Inkonzo enikezela ngeenkonzo nexhobisa abahluphekayo kwizinga layo nangaphezulu.
  14. Inkonzo entliziyo inye, ebonisa nemfundiso yeTestamente entsha yendoda enye ebonisa uthando, intlonipho phakathi kwentlanga, amasiko kunye nezini.
  15. Inkonzo ezibonakalisa nekhokelela inikezela ngetyuwa nokhanyo nenenxaxheba kwizithethe zoluntu.
  16. Inkonzo ezinikeleyo kubudlelwane obububo kunye namanye amaKrestu nezinye iinkonzo ekuhlaleni.
  17. Inkonzo enqwenela neyamkela inkuthazo nolungiso kwinkonzo eziyingqongileyo ekuzalisekiseni ezi njongo.
Back to top